Khetha uLwimi


Image

UKhuseleko eSikolweni

Isishwankathelo sokhuseleko esikolweni:

• Imfundo yenye yeebhloko zokwakha ezibalulekileyo kulwakhiwo loluntu olulinganayo, olubandakanya wonke ubani nolunophuhliso.
• Ukuze kufikelelwe kwezona ziphumo zigqwesileyo zemfundo kufuneka kubekho imiqathango ethile yangaphambili.
• Omnye wale miqathango yangaphambili kukuba abafundi nootitshala kufuneka bazive bekhuselekile ezikolweni kunye naxa besiya kwaye bebuya ezikolweni.
• Ngelishwa, eMzantsi Afrika njengakwamanye amazwe amaninzi, izikolo zithiwe mbende bubundlobongela kunye neminye imingeni emininzi yokhuseleko.
• Ukhuseleko ezikolweni lucaciswe kwiSicwangciso soPhuhliso seSizwe ngokunjalo nakuMbono kaRhulumente waseMzantsi Afrika ka-2030.

IiNkqubo zeSikolo zokujongana nemingeni ezikolweni zimi ngale ndlela ilandelayo:

• Ukudityaniswa kwezikolo kwisikhululo samaPolisa.
• Ukuseka kunye nokuqeqeshwa kweekomiti zokhuseleko zezikolo.
• Ukuhanjiswa noqeqesho ngokusetyenziswa kwezixhobo zokuvavanyela iziyobisi.
• Iinkqubo zokwazisa ngokusetyenziswa kakubi kweziyobisi (TADA).
• UbuGewu Nokuxhatshazwa.
• Ukuqhutywa kokhangelo nokuthathelwa izinto