IINKQUBO
- Umbono weNkqubo yokuLungelelaniswa kweZikolo (School Rationalisation Programme) (SRP) kukuhlela kunye nokuququzelela ngokutsha inkqubo yezemfundo yaseMpuma Koloni ukuze inike imfundo esemgangathweni kumfundi ngamnye, imo engqongileyo engcono yokufundisa kootitshala kunye nekamva elingcono kumntu wonke. Umbono we-SRP kukulungelelanisa kunye nokuhlela ngokutsha izikolo ezincinci, ezingenakuba nempumelelo, nezingasebenzi ngempumelelo ukuze kwabiwe ngokoneleyo imithombo yezemali kunye nenxulumene nemicimbi yabasebenzi apho ifuneka khona kakhulu. ULungelelaniso lweZikolo yinkqubo ecwangciswe ngononophelo nelawulwa ngobunono ekhokelela kumaziko okufunda nokufundisa asebenzayo, akwiindawo ezifanelekileyo, anokusebenza anemithombo yolwazi nalawulwa kakuhle. Ezi zikolo ziza kuxhotyiswa ngcono ukuze zinike imfundo esemgangathweni eMpuma Koloni.
INkqubo yokuLungelelanisa yeziKolo inezi nkalo zojoliso ezilandelayo:
- Ukumiselwa ngokutsha kwenjongo kunye nokutshintsha iziseko zophuhliso zesikolo ukuba zihlangabezane neemfuno zemfundo ezohlukileyo
- Ukuqinisekisa ukuba lonke ukhetho lwezifundo lufundiswa ngobugcisa kunye nemthombo yolwazi echanekileyo
- Ukwandisa ubuninzi bokhetho lwezifundo ukuze kuxhotyiswe abafundi ngokufanelekileyo ngezakhono ezifunekayo zokulandela imfundo engaphaya, ingqesho nomsebenzi
- Ukukhuthazwa kokufundiswa kwezifundo ezinqabileyo ezifana nezoLimo, izifundo ngezaseLwandle, uMculo nezinye
- Ukwakha izikolo ezitsha apho kufunekayo
- Ukwakha iihostele zezikolo apho kufunekayo
- Ukuvala izikolo ezincinci nezingasebenzi ngempumelelo
Izikolo ezincinci nezingasebenzi ngempumelelo ezinezakhiwo ezakhiwe ngemathiriyeli engafanelekanga okanye izakhiwo zodaka, ezingenawukwazi ukukhula, ngeke zakhiwe. Ezi zikolo ziza kunikwa izakhiwo zexeshana kuquka izibonelelo zokuhlambela ngexa lenkqubo yolungelelaniso.