UPhuhliso lwabaNtwana beseLula
Injongo engundoqo yeOfisi yoPhuhliso lwabaNtwana beseLula kukunika amathuba kubo bonke abantwana baseMpuma Koloni, ukongamela ukuFundisa nokuFunda kwabantwana kwiminyaka yabo yokufunda beselula, ukuxhasa ukuphunyezwa kwenkqubo-sikhokelo evunyiweyo yokufunda yesizwe neziqinisekiso. Olu nxibelelwano lusebenza ukuchaza uxanduva lwecandelo le-ECD eMpuma Koloni.
Isishwankathelo
Imiba emininzi ikhombise ukuba, ukukhula ngokwasengqondweni, ekuhlaleni nasemzimbeni kwabantwana abancinci kuneziphumo ezingqalileyo ekukhuleni kwabo xa kukonke, ebuntwini obudala kwaye yilonto lucetyiswa kusekwangoko ungenelelo.
Ekusabeleni kwingxelo engentla, isebe leMfundo esiSiseko lasungula iNkqubo-sikhokelo yeKharityhulam yeSizwe eluxwebhu lomgaqo-nkqubo wesizwe okhokela abasebenzi kwikharityhulam 0-4.
ISebe leMfundo laseMpuma Koloni lithathela ingqalelo kananjalo umgaqo-nkqubo we-NCF ekufundeni. Umgaqo-nkqubo we-NCF ekuqeqesheni abasebenzi ngenjongo yokubeka isiseko esiluqilima kwiminyaka yasekuqaleni yokufunda.
Umgaqo-nkqubo we-NCF udityaniswa neminye imigaqo-nkqubo yekharityhulam efana neNgxelo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noHlolo (Curriculum and Assessment Policy Statement) (CAPS).
Ukuphucula imfundo yaphambi kokungena isikolo, isebe liqeqeshe abasebenzi abathile kwiNkqubo-sikhokelo yeziQinisekiso yeSizwe ye-ECD (Inqanaba 4) kwaye kukho izicwangciso zokuqeqesha i-1700 labasebenzi.