INkqubo yeSizwe yeSondlo Ezikolweni
UKUBALULEKA KWENKQUBO
IPhondo leMpuma Koloni lilikhaya kubantwana abangama-2 696 000 abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala nani eli liziipesenti ezilishumi elinesihlanu zabemi bonke abangabantwana kule minyaka yobudala eMzantsi Afrika. Ngo-2012 malunga nama-72.4% (1 951 000) aba bantwana kuxelwe ukuba baphila kwintlupheko ngenxa yengeniso esezantsi ngexa ama-20.4% (550 000) kuxelwe ukuba aphila kumakhaya apho kuxelwe kuwo ukuba bayalamba abantwana.
Njengenxenye yokwehlisa lo mngeni, kule minyaka ingamashumi amabini ananye edlulileyo, iSebe lezeMfundo laseMpuma Koloni ngokuphunyezwa kweNkqubo yeSizwe yeSondlo Ezikolweni (National School Nutrition Programme) (NSNP), libonelele ngokukhuseleko lwasekuhlaleni olujolise ekubuncothuleni neengcambu ubuhlwempu kwaba bantwana bakwimo echaphazelekayo.
Lifaka isandla kananjalo ekuphuculweni kweziphumo zemfundo ngokonyusa ukukwazi ukufunda kwabantwana abakumabanga asezantsi, ukuza esikolweni nokufika ngexesha.
MALUNGA NE-NSNP
Bonke abantu baseMzantsi Afrika kuquka abantwana banelungelo lokufumana ukutya okwaneleyo ngokunjalo nesondlo kunye nemfundo esisiseko exelwe kumgaqo-siseko welizwe. I-NSNP licandelo elibalulekileyo leenzame zikarhulumente zokuhlangabezana namalungelo abantwana kunye nokuphumeza iinjongo zikarhulumente zokuphelisa ubuhlwempu.
INkqubo le lelinye lamaphulo okuqala kaRhulumente wokuqala wentando yesininzi kwaye ixhaswa ngeSibonelelo esinemiQathango. Ekuqaleni ibijolise kwizikolo zamabanga aphantsi kodwa njengangoku ikwabonelela nabafundi basesekondari kwiindawo ezihlelelekileyo zoluntu.
IMIMANDLA EJOLISE KUYO INKQUBO
Injongo yeSebe kukujongana nengxaki yabafundi abahluphekayo ngokunikezela ngezidlo ezinesondlo.
Zonke izikolo elizweni zihlelwe ngokweqela lezihlanu kwisi-1 ukuya kwiqela lezihlanu kwisi-5 (quintile 1 ukuya ku-quintile 5) ngokwezibonelelo ezifumanekayo kunye nenqanaba elinxulumene nezentlalo noqoqosho loluntu lwengingqi.
Inkqubo ke ngoko ibonelela bonke abafundi abakumaqela ezihlanu kwisi-1 ukuya kwisi-3 kwizikolo zamabanga aphantsi kunye nezesekondari ngokunjalo nezikolo ezikhethekileyo ekujoliswe kuzo.
Kunyaka-mali ka-2015/16 abafundi ekufikelelwe kubo baquka abali-1,730 257 kwizikolo ezingama-5348 oko okubonisa ukonyuka ngama-29% ukusuka kunyaka-mali ka-2008/9.
IMFUNDO NGESONDLO
Injongo yeMfundo ngeSondlo kukukhuthaza indlela yokuphila enempilo kunye nokutya okulungileyo kwiindawo zoluntu ezingakwisikolo kwaye oku kuphunyezwa ngokunikeza imiyalezo engeendlela zokuphila ezisempilweni ngemithombo eshicilelweyo neye-eletroniki ngokunjalo nenye imathiriyeli yokwazisa.
IMfundo ngeSondlo inatyiselwa kananjalo kubaPhathi bokuTya abangamaVolontiye (Volunteer Food Handlers) (VFHs) abo izakhono zabo zokuphatha ukutya, ukuqwalasela ezococeko, ukhuseleko ekutyeni negesi zakhiwa kwiintlanganiso zeengxoxo ezimiselweyo nezigunyazisiweyo ekufuneka baye kuzo ngexa lengqesho yabo.
UKHETHO OLUCETYISWAYO LWEMENYU
Isidlo esiphekiweyo esinokutya okutyebileyo kwiiproteni, ukutya okunesitatshi neziqhamo okanye imifuno esinikezwa yonke imihla kubo bonke abafundi ekujoliswe kubo okukhethekayo ngeye-10 kusasa. Imenyu yomjikelo weveki enye ngezixa ezixeliweyo zokutya iyafumaneka kwisikolo ngasinye esithatha inxaxheba kwaye iqinisekisa ukwahlukahluka.
INDLELA YOKUKUHAMBISA
Ukususela ekuqaleni kuka-2011, iPhondo lisebenzisa imodeli yokufuna nokukhupha iinkonzo enatyisiweyo. Kule modeli izikolo zifumana imali ngqo kwiPhondo rhoqo ngekota zize zizifumanele iinkonzo zokunikeza nokuhanjiswa kokutya ngokwazo.
Ukuze isikolo sifumane inkxaso-mali ngako nakuphi na ukuzithengela izinto, kuquka naleyo ye-NSNP intengo, kufuneka sibe kwisimo se 'Candelo 21' (UmThetho weziKolo zase-SA ka-1996). Esi simo sikhombisa ukuba sinezakhono nobugcisa obuyimfuneko bokuphatha iimali zesikolo kunye nokuthenga izinto.
Ezi zikolo zineQumrhu eliLawula iSikolo (School Governing Body) (SGB) eliqeqeshwa rhoqo ngonyaka kulawulo lwemali kunye nasekunikweni kweengxelo. Izikolo ezingekho kwisimo seCandelo 21 zinikwe isimo esingaphelelanga ukuze zikwazi ukwenza intengo ngokwe-NSNP.
UTHATHO NXAXHEBA LOLUNTU KUNYE NENYE INXENYE YEZOQOQOSHO
I-NSNP ifuna ikomiti esekelwe esikolweni ukuba yongamele ucwangciso kunye nokuphunyezwa kolungiselelo lwezidlo zemihla ngemihla ezinikwa abafundi kwaye amalungu oluntu ayakhuthazwa ukuba abe yinxenye yezo komiti.
Ngaphaya koko, inkqubo isebenzisa kananjalo iinkonzo zabaPhathi bokuTya abangamaVolontiye abalungiselela abafundi izidlo zemihla ngemihla. Kunyaka-mali esikuwo, iSebe liqeshe i-11 490 labaPhathi bokuTya abangamaVolontiye. Aba bantu bali-11 490 bengingqi yoluntu lwesikolo basweleyo banesivumelwano sokulungiselela abafundi izidlo benikwa isibonelelo senyanga sama-R960.00 nesenza i-R132 364 800 ngonyaka.
Umrhumo we-NSNP kuMvuzo wasekuHlaleni xa kubalwa neendleko zokutya ufikelela kuma-R971 734 137 ngonyaka. Ukuthengwa kokutya zizikolo koosomashishini bengingqi, iimarike ezisakhasayo kunye nakwamanye amashishini kunegalelo elikhlu kuphuhliso loqoqosho lwengingqi (local economic development) (LED).