ICANDELWANA : UKHUSELEKO LWEMPILO ESIKOLWENI NAMATHUBA OKUFUNDA ANGAPHAYA EKUFUNEKA AFUNYANWE NGUMFUNDI
(i) IMpilo nezaKhono zoBomi zeSikolo:
• ISebe libonelela ngokhathalelo nenkxaso ekufundeni nasekufundiseni (CSTL) kuzo zonke izikolo zePhondo ukuqinisekisa ufikelelo olungaphazanyiswayo kubo bonke abafundi kwimfundo esisiseko esemgangathweni ngokunjalo nokugcinwa kwabo, inkxaso kunye nokusebenza ekuphuculweni kwemfundo okungenamiqobo yezempilo nenxulumene nezentlalo nengqondo.
• Ukuqinisekisa ukuphunyezwa kwale njongo, iSebe lezeMali leSizwe ngeSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education) (DBE), lenze ukuba kufumaneke iSibonelelo esinemiQathango sezaKhono zoBomi se-HIV/AIDS ukuthathela ingqalelo oko kuqhuba i-HIV, uSulelo oloSulela ngokwaBelana ngeSondo (Sexually Transmitted Infections) (ii-STI) neSifo sePhepha (Tuberculosis) (TB) ekuhlaleni nakulwakheko ukuze kuxhamle abafundi abakwizikolo ezinomthwalo ophezulu ekujoliswe kuzo, ukuqinisekisa ufikelelo lwabafundi, ukugcinwa kwabo kunye nempumelelo ekufundeni kwicandelo lemfundo esisiseko.
• Ukufikelela kwesi Sibonelelo sinemiQathango iSebe liphuhlise iSicwangciso sokuSebenza esiquka zonke iindleko ngojoliso nemisebenzi okanye iinkqubo ezijongene nabafundi ngqo eziza kuthathela ingqalelo imiqobo yempilo ngokunjalo nenxulumene nezentlalo nengqondo esiza kwenza kuqhube ukufundisa nokufunda.
• ISebe lezeMfundo laseMpuma Koloni (Eastern Cape Department of Education) (ECDoE) libonelela ngale nkxaso ngokuqinisekisa ukubekwa kweeArhente zeNkxaso yaBafundi (Learner Support Agents) (ii-LSA) kwizikolo ezichongiweyo
(ii) UkuKhuthazwa koFikelelo:
Ukukhuthazwa kofikelelo yiYunithi yeNkxaso ekuHlaleni kunye Nokuxhotyiswa kwaBafundi (Social Support & Learner Enrichment) (SS &LE) yecandelo elincinane leCandelwana lezeMpilo eSikolweni, uKhuseleko nokuPhuculwa koMgangatho woMfundi (School Health, Safety and Learner Enrichment) (SHS&LE). LineeYunithi ezincinane ezintathu ezizezi:
- ULawulo neeNkonzo zeHostele (Hostel Management and Services) (HM&S);
- IziThuthi zaBafundi (Scholar Transport) (ST) kunye
- noKhuseleko eSikolweni (School Safety) ((SS)
Ezi Yunithi zincinane zintathu zikwiSicwangciso sokuSebenza soNyaka seSebe (Annual Performance Plan) (APP) phantsi kweCandelo
(iii) IiNkqubo zamaThuba okuFunda angaPhaya ekuFuneka aFunyanwe nguMfundi: (EzeMidlalo, iiNkqubo zamaGugu naMafa, ubuGcisa neNkcubeko)
a. Ukukhuthaza umanyano ezikolweni ukuze zibe nako ukusebenza.
b. Ukukhuthaza uxolelwaniso lwesizwe, ukuzazi ngobuzwe, unamathelwano ekuhlaleni notshintsho.
c. Ukunqanda ubundlobongela nokonakalisa ezikolweni.
d. Ukwehlisa ukukhulelwa kolutsha.
e. Ukunqanda konke okubi ekuhlaleni (ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi neesabstensi, ukugculela njl. nj.).
f. Ukuvelisa abemi abathatha uxanduva