Khetha uLwimi


Cofa ukwandisa impendulo expand arrow

Ndingalifumana phi iZiko leMfundo esiSiseko yabaDala noQeqesho (ABET)? expand arrow

Cofa kubaQuquzeleli beSithili be-ABET ukufumana uluhlu lwamaZiko eMfundo esiSiseko yabaDala noQeqesho.

Ngawaphi amayeza afumanekayo ukunyanga usulelo lwentsholongwane yomkhuhlane we-H1N1? expand arrow

Amachiza alwa iintsholongwane ioseltamivir okanye izanamivir acetyiswa kuphela kwabo basemngcipekweni wokuba neengxaki.

AmaYeza oMmiselo expand arrow

Thatha amayeza okunika isiqabu kwiimpawu njengoko kudingeka ngenxa yobushushu bomzimba kunye neentlungu afana neparacetamol okanye i-ibuprofen. Akukho mfuno yokuba athathwe rhoqo la mayeza ukuba ngaba ziyachacha iimpawu zakho. Ungabaniki abantwana okanye abantwana abafikisayo abaneminyaka eli-18 okanye ngaphantsi iaspirin (iacetylsalicylic acid) okanye iimveliso eziqulethe iaspirin. Abantwana abangaphantsi kweminyaka emi-4 ubudala kufuneka banganikwa amayeza omkhuhlane athengwa ngaphandle kommiselo ngaphandle kokuthetha nomboneleli wonakekelo lwempilo kuqala. Ukuba ngaba umiselwe iyeza elilwa iintsholongwane lithathe njengoko kuyalelwe (apho kufanelekileyo - jonga isi-5 ngezantsi). Ungayeki ukuzogquma xa ukhohlela uze uhlambe izandla zakho rhoqo (nokuba ngaba uthatha amayeza okulwa iintsholongwane), ukuthintela ukunwenwisela umkhuhlane kwabanye.

Yiya ekliniki/GP ukuba wena (okanye umntwana wakho) wehlelwa zizo naziphi na iziphumo ebezingalindelekanga; njengobucaphucaphu, ukugabha, irhashalala, okanye ukuziphatha ngokungaqhelekanga.

Ingaba luvunyelwe uvavanyo lweyeza? expand arrow

Ngokohlobo lwalo, uvavanyo lweyeza lungenelelo kubumfihlo kwaye kunokophula amalungelo abafundi omgaqo-siseko nawobuqu. Kufuneka ke ngoko ingabiyondawo yokuqala yongenelelo.

Ingaba kubalulekile ukumbhalisela iBanga R umntwana? expand arrow

Ewe, iMfundo yabaNtwana beseLula inceda abantwana babe ngabafundi abangcono. Bafunda ngokudlala ngexa bezonwabisa noogxa babo, kodwa ke, akunyanzelekanga ukuya kwibanga R.

Angakhangela phi umntu ukuba iibhenefithi zomhlalaphantsi zalowo ubengutitshala zihlawulwe? expand arrow

Ingxowa-mali yoMhlalaphantsi yabaSebenzi bakaRhulumente (Government Employees Pension Fund) (GEPF)

Umnxeba woncedo: 0807 723 646/ 0800 117 669
IZiko lemiNxeba: (012) 319 1000

Ingaba kukho nayiphi na imali enikelwa ukufunda kubafundi? expand arrow

Ewe. ISebe lisungule iSikim seMali eNikelwa ukuFunda kwiiKholeji ze-FET. Ngesi sikim semali enikelwa ukufunda i-DoE inika ufikelelo kwimfundo noqeqesho lokusebenza kwiiKholeji ze-FET.

Uthathwa kweyiphi iminyaka yobudala umfundi weBanga 1? expand arrow

Ubudala bokuthathwa komfundi kwibanga 1 kwisikolo sikarhulumente yiminyaka yobudala emihlanu xa eza kuba neminyaka emithandathu ngowama-30 Juni kunyaka wokuthathwa kwakhe.

Ubudala bokuthathwa kwibanga R yiminyaka yobudala emine xa eza kuba neminyaka emihlanu ngowama-30 Juni kunyaka wokuthathwa kwakhe.

Abazali banokukhetha kananjalo ukusa abantwana babo kwibanga R nebanga 1 xa bebadadlana, njengokuba beneminyaka emi- 5 beza kuba neminyaka emi--6 kunyaka wokuthathwa kwabo besiya kwibanga R okanye benemi-6 beza kuba nesi-7 kunyaka wokuthathwa kwabo kwibanga 1.

Ingaba iSikolo singaBamba iziPhumo Ngenxa yeMali eHlawulwayo yeSikolo engekaHlawulwa? expand arrow

Hayi. Akukho mfundi unokungathathwa okanye ngenye indlela acalulwe ngenxa yokukwangazi okanye ukusilela komzali ukuhlawula imali ehlawulwayo yesikolo.

Yintoni uMbono neNjongo ye-ECDoE? expand arrow

Umbono:

Ukunika abafundi amathuba okuba babe ngabemi abavelisayo nabathatha uxanduva koko bakwenzayo ngokubanika imfundo esisiseko esemgangathweni.

Injongo:

Kukuphumeza iinkqubo ezifanelekileyo nezibalulekileyo ezifundisayo oko kusenziwa ngokufunda nokufundisa okusemgangathweni, ukuhlanganisa inkxaso yoluntu namaqela achaphazelekayo ngokuthatha kwawo inxaxheba kunye nokumilisela indlela yokwenza izinto ngokuthatha uxanduva kuwo onke amanqanaba eSebe.

UngaNyenyiselwa Nini ekuHlawuleni iMali eHlawulwayo yeSikolo? expand arrow

Abazali banokunyenyiselwa ekuhlawuleni imali ehlawulwayo yesikolo ngokuxhomekeke kwingeniso yabo ekungekatsalwa nto kuyo yonyaka ehlanganisiweyo.

Iindidi ngeenjongo zokunyenyiselwa zingoku kulandelayo:

Ukuba ngaba ingeniso yonyaka epheleleyo kungekatsalwa nto kuyo edityanisiweyo yabazali ingaphantsi ngokuphindwe kalishumi kwimali ehlawulwayo yesikolo yonyaka ngomfundi, umzali ufanelekile ukufumana unyenyiso olupheleleyo ukuba ingeniso yonyaka epheleleyo kungekatsalwa nto kuyo edityanisiweyo yabazali ingaphantsi ngokuphindwe ngamashumi amathathu kodwa ngaphezulu kokuphindwe kalishumi kwimali ehlawulwayo yesikolo yonyaka ngomfundi, umzali ufanelekile ukuba anyenyiselwe inxenye. Ukuba ingeniso yonyaka epheleleyo kungekatsalwa nto kuyo edityanisiweyo yabazali ingaphezulu ngokuphindwe ngamashumi amathathu kwimali ehlawulwayo yesikolo yonyaka ngomfundi, umzali akakufanelanga ukunyenyiselwa. Iindidi ezi zisebenza ukuba imali ehlawulwayo yesikolo ngonyaka imiselwa ngokwecandelo lama-39 lomThetho.

Umzali onqwenela ukunyenyiselwa intlawulo yemali ehlawulwayo yesikolo ngomfundi ngamnye kwisikolo esithile kufuneka afake isicelo esibhaliweyo esiya kusihlalo wequmrhu elilawulayo ngefomu enokucelwa esikolweni.

Yeyiphi imali eNikelwa ukuFunda enikezwa yi-ECDoE? expand arrow

IMali eNikelwa ukuFunda yeFunza Lushaka yinkqubo eyilelwa ukonyusa inani labantu kwikhondo lokufundisa ingakumbi kwimimandla ephambili (emaphandleni).

ISikim soNcedo lwezeMali sabaFundi seSizwe (National Student Financial Aid Scheme) (NSFAS) yimali enikelwa ukufunda/imali-mboleko efumaneka kubafundi abavela kwezo ndawo zazihlelelekile ngaphambili ukuba bafunde kumaZiko eMfundo ePhakamileyo. Iifomu zesicelo zifumaneka kwiiofisi zoNcedo lweMali zabaFundi kuwo onke amaZiko eMfundo ePhakamileyo.

Ingaba angakwaLelwa ukuBhalisa umNtwana? expand arrow

Indawo abathathwa kuzo abafundi zazenzelwe ukulawula inani labafundi ezikolweni kunye nokulungiselela ukhetho lwabazali. Ukhetho lokuqala kufuneka lunikwe umfundi ohlala kwindawo abathathwa kuyo abafundi sisikolo.

Umfundi ohlala ngaphandle kwendawo abathathwa kuyo abafundi sisikolo unokufuna ukuthathwa nokuba kukwesiphi na isikolo asikhethayo, nakuba kunjalo, akunakuqinisekiswa ukuthathwa kwisikolo esikhethiweyo.

Ndisifaka njani isicelo seMali eNikelwa ukuFunda kwiKholeji ye-FET? expand arrow

Bhalisa kwiKholeji kaRhulumente ye-FET ukwenza iiNkqubo ze-NCV uze ufake isicelo semali enikelwa ukufunda.

Ukunqumamisa uMfundi expand arrow

Iqumrhu elilawulayo lesikolo sikarhulumente, emva kokuchotshelwa ngokufanelekileyo komba, linokunqumamisa umfundi ekuzeni esikolweni njengenyathelo loluleko ithuba elingedluliyo kwiveki okanye lidibene neNtloko yeSebe, ngexa kusalindwe isigqibo seNtloko yeSebe sokuba agxothwe na esikolweni umfundi.

Angazixela phi iinqununu kunye nootitshala abanorhwaphilizo umntu kwiZikolo zikaRhulumente? expand arrow

Xela naluphi na urhwaphilizo kwiOfisi yeSithili okanye enguNdlunkulu.

Ingaba angagxothwa esikolweni umntwana kuba ekhulelwe? expand arrow

Urhulumente akanako ukucalula ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga naye nabani na ngenxa yesizathu esinye okanye ngaphezulu, kuquka uhlanga, isini, ukukhulelwa, isimo somtshato, imvelaphi yohlanga okanye yezentlalo, umbala, indlela akhetha ukuzazisa ngayo umntu ngokwesini, ubudala, ukuba nokukhubazeka, inkolo, isazela, inkolelo, inkcubeko, ulwimi nokuzalwa.

Ndisifaka phi isicelo sekopi yeSatifiketi sam seMatriki? expand arrow

Nceda utsalele uMnu Siphelele Mazomba kwicandelo leeMviwo noHlolo.

Iselula: 073 522 4314

IDilesi yeSitalato: Steve Vukile Tshwete Education Complex, Zone 6, Zwelitsha, 5608

IDilesi yePosi: Private Bag X0032, Bhisho, 5605

Cofa kwiZiko lemiThombo yoLwazi uze ukhethe iifomu ukudawunlowuda ifomu yesicelo ngokuphathelene nesatifiketi esilahlekileyo, ukugcwalisa isicelo kuza kufuneka uhlawule ama-R97 eStandard Bank (iinkcukacha zikwifomu) uze uhlomele ubungqina bentlawulo, ikopi ye-ID yakho ize ifomu isayinwe ngumkomishinala ofungisayo.

Loo manyathelo ma-3 alula aza kuqinisekisa ifomu yesicelo egcwalisiweyo.

Kwakube kwenziwe oko kuza kufuneka ungenise ifomu kwiofisi yakho yesithili ekufutshane (iofisi yeeMviwo). Uza kufumana ingxelo exela amanqaku owafumeneyo ngezifundo ngoko nangoko emva kokufaka isicelo sakho luze uqobo lwesatifiketi lushicilelwe nguMalusi kwithuba leeveki ezi-4 ukuya kwezi-6.

Yintoni uBhubhane weNtsholongwane yoMkhuhlane i-H1N1? expand arrow

Ubhubhane wentsholongwane yomkhuhlane i-A(H1N1) lilungu elitsha losapho lweentsholongwane zomkhuhlane. Iintsholongwane ezohlukeneyo zomkhuhlane zibanga umkhuhlane wexesha elithile lonyaka (ebusika) kwaye, qho kumashumi ambalwa eminyaka, ubhubhane wehlabathi.

Iintsholongwane zomkhuhlane zosulela iintaka nezilwanyana ezincancisayo kwaye ngesiqhelo iintlobo ezithile. Kumathuba athile iintsholongwane ziye zisuke kwezinye iintlobo ziye kwezinye. Iintsholongwane zikabhubhane we-A(H1N1) kubonakala ngathi zavela ezihagwini; nakuba kunjalo awunwenweli kwiihagu okanye usuke kwiihagu uye ebantwini kodwa kuphela uba phakathi kwabantu.

Umkhuhlane wexesha elithile lonyaka ukhokelela ekuswelekeni kwabantu abangama-6000 ukuya kuma-10 000 rhoqo ebusika eMzantsi Afrika kunye nokusweleka kwabantu abaphakathi kwama-250 000 nama-500 000 kwihlabathi jikelele, ingakumbi kubantu abangaphezulu kwama-65 eminyaka yobudala kunye nabo baneemeko ezithile abaphila nazo. Ngokwahlukileyo, ngexa lomkhuhlane ongubhubhane abantu abaninzi abaswelekayo ngabatsha kunye nabantu abaphilileyo abangaguliyo. Inani labantu abaswelekayo ngexa likabhubhane womkhuhlane lohluka kakhulu, ngokuxhomekeke kakhulu, ekubeni mandundu kwentsholongwane, nakwimiba efana nokugcwala kakhulu kwabantu, impilo yomntu ngamnye, ufikelelo kukhathalelo lwempilo, kunye namanyathelo okuthintela. Kubhubhane womkhuhlane ka-1918 kuqikelelwa ukusweleka kwabantu abazizigidi ezingama-25 ukuya kuma-40 kwihlabathi ngokubanzi. Ingqikelelo ngokusweleka okungaphaya kwihlabathi jikelele kubhubhane ka-1957 noka-1968 iphakathi kwesigidi esinye ukuya kwezibini.

Iimpawu zesigulo soMkhuhlane expand arrow

Ezi ziyafana kubhubhane kunye nomkhuhlane wexesha elithile lonyaka. Iimpawu eziqhelekileyo ziquka ukuqala ngesiquphe kobushushu okumandla, ukukhohlela, impumlo evuzayo okanye exineneyo, umqala obuhlungu, intloko ebuhlungu, iingqaqambo zomzimba, ingqele, ukudinwa, kunye nokungacaceli ukutya. Abanye babo bachatshazelweyo baxele isicaphucaphu, ukugabha, norhudo.

Ngubani osemngciphekweni wokuba neengxaki? expand arrow

Abantu (abantu abadala okanye abantwana) abeneemeko zempilo abaphila nazo kwaye abafumana ukhathalelo lonyango lwarhoqo lwesifo esinxulumene nemiphunga abaphila naso (kuquka umbefu) kunye nesifo esinxulumene nentliziyo (lungaqukwanga uxinzelelo oluphezulu lwegazi), izifo ezingapheliyo ezinxulumene nezintso nesibindi, isifo seswekile nezinye iingxaki ezifanayo zoguqulo lokutya emzimbeni.

Abantu abanamajoni omzimba abuthathaka (abosulelwe yi-HIV njl. njl.)

Abantu abadala nabantwana abanayo nayiphi na imeko (umzkl. ubunzima bokuqonda, umonzakalo womqolo, ukuxhuzula okanye iingxaki zezihlunu) ezenza kubenzima ukukhohlela basemgciphekweni wokuphefumela ngaphakathi ulwelo olukhutshwayo luvela kumalungu okuphefumla.

Abantwana kunye nabantwana abafikisayo abakunyango lweaspirin kwaye besemngciphekweni weReyes syndrome ukuba bosulelwa lulo naluphi uhlobo lomkhuhlane.

Abahlali bamakhaya okonga, kunye nemanye amaziko okhathalelo oluqhubayo.

Abasetyhini abakhulelweyo. Abo badibana nabanye babe bona bengenazo iimpawu zomkhuhlane kufuneka baqhube ngemisebenzi yabo yarhoqo yemihla ngemihla, kuquka ukuya emsebenzini okanye esikolweni, nokuba bebedibene na okanye bengakhange badibane nomntu oxele umkhuhlane we-H1N1u.

Ingaba kufanelwe ndivavanywe? expand arrow

Uvavanyo lwaselebhu lwabantu abanesigulo esibumkhuhlane ALUCETYISWA ngokubanzi, kuba lubiza imali eninzi kwaye aluchaphazeli nyango. Uvavanyo lwaselebhu lucetysiwa kuphela kwizigulane ezilandelayo ezineempawu ezingentla kunye nomfanekiso wezonyango wesifo esinxulumene namalungu okuphefumla esimandundu apho uvavanyo olubonisa ukosuleleka luya kuchaphazela ulawulo lwesigulane.

Izigulane ezinezifo ezininzi kwaye ezisemngciphekweni weengxaki ezimandundu (jonga kwi-10 apha ngezantsi) kunye nezineempawu nemiqondiso yesigulo samalungu anxulumene nokuphefumla esihlaselayo esimandundu. Amaqela abantu abosulelekileyo apho uxilongo lokufumanisa unobangela wokuqhambuka kwesifo lufunekayo. Umntu oswelekileyo apho ubhubhane womkhuhlane we-A(H1N1) ukrokrelwa njengonobangela wokusweleka.

Ulufuna nini unakekelo olungxamisekileyo? expand arrow

Ukuba umntwana wakho wehlelwa yiyo nayiphi kwezilandelayo: Ukuphefumla ngokukhawuleza okanye ingxaki yokuphefumla Umbala wesikhumba obuluhlaza okwesibhakabhaka okanye ongwevu Ukungaseli zinto zingamanzi zoneleyo Ukugabha okungamandla okanye okuzingileyo Ukungavuki okanye kungabikho nto uyenzayo Ukuba nochuku kangangokuba angafuni kuphathwa umntwana Iimpawu ezifana nezomkhuhlane ziyachacha kodwa zibuye nobushushu bomzimba nokhohlokhohlo olumandla.

Ndingayifumana phi ifomu yokwamkelwa? expand arrow

T.B.C

Ndisifaka njani isicelo sesatifiketi esilahlekileyo okanye isatifiketi esisesinye? expand arrow

Amaxwebhu aFunwa kuMfaki-sicelo:

Ifomu yesicelo egcwalisiweyo.

Ifani namagama asetyenzisiweyo ngexesha lokubhala iimviwo. IKopi ye-ID (eqinisekisiweyo - Engekho ngaphezulu kwiinyanga ezi-6).

Ingxelo efungelweyo esayiniweyo yaze yafakwa isitampu evela kwi-SAPS, exela imeko yesatifiketi sokuqala. Ubungqina bentlawulo ngokohlobo lwerisiti (R141.00, enokutshintsha).

QAPHELA: Isatifiketi sangaphambili siyarhoxiswa xa kukhutshwa isatifiketi esisesinye.

Ndizidibanisa njani iziphumo zam zematriki expand arrow

Amaxwebhu afunekayo kumfaki-sicelo:

Iikopi zeziphumo eziza kudityaniswa.

IKopi ye-ID (eqinisekisiweyo - Engekho ngaphezulu kwiinyanga ezi-6).

Intlawulo (R141.00, enokutshintsha, ukuba ufanelekile umfaki-sicelo).

Ndingasifumana njani kwakhona isatifiketi sam sematriki? expand arrow

IiMpazamo zoLawulo

(imizekelo: upelo olungachanekanga lwegama okanye ifani, iNombolo ye-ID engachanekanga okanye umhla wokuZalwa ngenxa yempazamo yokufaka iinkcukacha)

Amaxwebhu aFunwa kumfaki-sicelo:

1. Ifomu yesicelo echaza utshintsho olufunwayo.

2. Ingxelo efungelweyo echaza ngokubanzi ekhombisa okulandelayo:

a) Igama, Ifani, iNombolo ye-ID/ Umhla wokuzalwa, iinkcukacha zoqhagamshelwano zomntu obandakanyekayo, uqinisekiso lokuba ngumnini ofanelekileyo wesatifiketi;

b) Isizathu sesicelo;

c) Isizathu sokungayiboni impazamo phambi kokukhutshwa kwesatifiketi;

d) Amanyathelo athathiweyo okulungisa impazamo phambi kokukhutshwa kwesatifiketi.

3. Ikopi eqinisekisiweyo yoxwebhu Lwe-ID okanye iSatifiketi sokuZalwa (esingekho ngaphezulu kweenyanga ezi-3) esikhutshwe ngaphambi kokubhala iimviwo.

4. ISatifiketi sokuQala sikaMalusi.

Amaxwebhu aFunwa kwiSithili/iPhondo

• Ingxelo efungelweyo evela kwiSithili/iPhondo ekhombisa ukuba:

• ibonwe njani impazamo;

• ngawaphi amanyathelo athathiweyo ukulungisa impazamo;

• Ngawaphi amanyathelo athathiweyo ukuthintela ukwenzeka koku kunye.

ULwazi oluBalulekileyo:

Akukho tshintsho luza kwenziwa kwisatifiketi esisesinye ngaphandle kokuba isebe licele isatifiketi esisesinye ngempazamo. Kulo meko, isatifiketi esisesinye siza kubuyiselwa kuMalusi.

    Uxwebhu lwe-ID/isatifiketi sokuzalwa esikhutshwe emva kokubhala iimviwo asiyi kuthathelwa ngqalelo.

    Umalusi unalo ilungelo lokucela ulwazi olongezelelweyo kunye/okanye ukwenza udliwano-ndlebe nomntu obebhala ukuxhasa izicelo ezinjalo.

UTshintsho lwamaNqaku

Amaxwebhu afunwa kumfaki sicelo:

1. Igama, Ifani neNombolo ye-ID/uMhla wokuZalwa, iinkcukacha zoqhagamshelwano zomfaki sicelo.

2. Ikopi eqinisekisiweyo ye-ID/iSatifiketi sokuZalwa (esingekho ngaphezulu kweenyanga ezi-3) esikhutshwe ngaphambi komhla wokubhala iimviwo.

3. ISatifiketi sokuQala sikaMalusi.

Amaxwebhu afunwa kwisSithili/iPhondo:

1) Ifomu yesicelo;

2) Ikopi yerekhodi lomsebenzi womfundi;

3) Ikopi yephepha elingaphambili lencwadi yeempendulo (njengobungqina benqaku elichanekileyo);

4) Ikopi yomzila wophicothoncwadi werekhodi lomntu obebhala ekhombisa utshintsho olwenziweyo.

5) Ingxelo efungelweyo evela kwiSithili/iPhondo ekhombisa:

a) Igama, Ifani neNombolo ye-ID/uMhla wokuZalwa, iinkcukacha zoqhagamshelwano zomfaki sicelo;
b) Utshintsho oluceliweyo;
c) Isizathu sotshintsho olucelwayo;
d) Indlela ebonwe ngayo impazamo;
e) Kutheni lucelwa utshintsho emva kokuba sishicilelwe isatifiketi;
f) Ngawaphi amanyathelo athathiweyo ukulungisa impazamo;
g) Ngawaphi amanyathelo athathiweyo ukuthintela ukwenzeka koku kunye.

ULwazi oluBalulekileyo:

Umalusi unalo ilungelo lokucela ulwazi olongezelelweyo kunye/okanye ukwenza udliwano-ndlebe negosa lequmrhu lohlolo ukuxhasa izicelo ezinjalo.

    Kuza kusetyenzwa ngesicelo sakho kwiinyanga ezi-6 emva koqinisekiso.

UTshitsho lokuziThandela olweNziwa ngumNtu obeBhala

A. UTshintsho lweSini:

Amaxwebhu avela kumfaki sicelo:

1. Ifomu yesicelo egcwalisiweyo ekhombisa utshintsho oluceliweyo.

2. Ingxelo efungelweyo echaza ngokubanzi ekhombisa:

a) Igama, Ifani, iNombolo ye-ID/uMhla wokuZalwa;

b) Iinkcukacha zoqhagamshelwano zomfaki sicelo;

c) Uqinisekiso lokuba ngumnini ochanekileyo wesatifiketi;

d) Utshintsho oluceliweyo;

e) Isizathu sesicelo.

3. Ikopi eqinisekisiweyo ye-ID/iSatifiketi sokuZalwa okanye incwadana yokundwendwela esemthethweni ekhutshwe ngaphambi kokubhala iimviwo (zonke iikopi eziqinisekisiweyo kufuneka zingabi ngaphezulu kweenyanga ezi-3 ubudala).

4. Ikopi eqinisekisiweyo yoxwebhu lwe-ID ekhombisa iNombolo entsha ye-ID namagama.

5. Ileta evela kwiSebe leMicimbi yezeKhaya eqinisekisa ukuba, egameni lomntu obandakanyekayo kwaye ngokomThetho woBhaliso lwabaZelweyo nabaSwelekileyo ka-1992, lenze utshintsho kwirejista yabemi.

ULwazi oluBalulekileyo:

Umalusi unalo ilungelo lokucela ulwazi olongezelelweyo kunye/okanye ukwenza udliwano-ndlebe nomntu obebhala ukuxhasa izicelo ezinjalo.

B. Utshintsho lwegama kunye/okanye ifani

Amaxwebhu afunwa kumfaki-sicelo:

1. Iikopi eziqinisekisweyo zee-ID endala nentsha zomntu obebhala.

2. Ingxelo efungelweyo echaza ngokubanzi eyenziwe ngumntu obebhala.

3. Ileta evela kwiSebe leMicimbi yezeKhaya eqinisekisa ukuba, egameni lomntu obandakanyekayo kwaye ngokomThetho woBhaliso lwabaZelweyo nabaSwelekileyo ka-1992, lenze utshintsho kwirejista yabemi.

ULungiso kwiRejista yaBemi yeSizwe

(eveza amagama atshintshiweyo, iinombolo ze-ID noMhla wokuZalwa)

Amaxwebhu afunwa kumfaki-sicelo:

1. Ifomu yesicelo echaza utshintsho oluceliweyo.

2. Ingxelo efungelweyo echaza ngokubanzi ekhombisa:

a) Igama, Ifani, iNombolo ye-ID/umhla wokuZalwa;
b) Iinkcukacha zoqhagamshelwano zomfaki-sicelo;
c) Uqinisekiso lokuba ngumnini ochanekileyo wesatifiketi;
d) Utshintsho oluceliweyo;
e) Isizathu sesicelo.

3. Ikopi eqinisekisiweyo yoxwebhu lwe-ID/iSatifiketi sokuZalwa/iNcwadana yokuNdwendwela esemthethweni ekhutshwe ngaphambi kokubhala iimviwo.

4. Ikopi eqinisekisiweyo yoxwebhu lwe-ID ekhombisa inombolo entsha ye-ID namagama.

5. Ikopi eqinisekisiweyo yoxwebhu olusemthethweni ekhutshwe liSebe leMicimbi yezeKhaya eqinisekisa utshintsho olwenziweyo kwirejista yabemi.

6. ISatifiketi sokuQala sikaMalusi.

7. Zonke iikopi eziqinisekisiweyo kufuneka zingabi ngaphezulu kweenyanga ezi-3.

ULwazi oluBalulekileyo:

Umalusi unalo ilungelo lokucela ulwazi olongezelelweyo kunye/okanye ukwenza udliwano-ndlebe nomntu obebhala ukuxhasa izicelo ezinjalo.