Khetha uLwimi


IFomu yeSicelo soLwazi lwePersal

 

UmThetho woKhuselo loLwazi lobuQu (Protection of Personal Information) (POPI), wesi-4 ka-2013 ufuna ukuba onke amasebe aziqwalasele kwakhona iindlela zokusebenza zawo zangoku ngokunxulumene nokusebenza kunye nokusetyenziswa kolwazi lobuqu kwaye aqinisekise ukuba ilawulwa ngokufanelekileyo imingcipheko yawo enxulumene nobumfihlo.  ISaziso sePERSAL sama-326 sika-2014 sibonisa ukuba amasebe anoxanduva ngokunxulumene nolwazi lwawo kwaye kufuneka abambelele ngokungqongqo kwimithetho yokhuselo xa esabelana neqela lesithathu ngolwazi lwePERSAL. 

Idatha yePERSAL ithathwa njengeyimfihlo kwaye kufuneka iphathwe kanjalo.  Xa ivunyiwe ifomu yesicelo solwazi, icandelwana leeNkqubo zoLwazi oluNxulumene neMicimbi yabaSebenzi (Human Resource Information Systems) (HRIS) liza kucela ukuba bonke abasebenzisi bakaPERSAL bagcwalise ifomu yesicelo sePERSAL ukuze bakwazi ukunikwa ulwazi oluvela kwiPERSAL. 

Le yindlela yokuqinisekisa izenzo zokukhusela ubumfihlo, ubunyani, kunye nengqibelelo yolwazi LOBUQU.  

Dawunlowuda IFomu yeSicelo soLwazi lwePersal apha.

 

Bhalisa njengoTitshala

 

Ukuba ungutitshala oqinisekisiweyo ofuna umsebenzi eMzantsi Afrika, kufuneka ubhalise kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council for Educators) (SACE).

Isiqinisekiso sakho semfundo kufuneka ukuba samkelekile ukuba ungaqeshwa kwezemfundo phambi kokuba ubhalise kwi-SACE.  

Ukuba ngaba uneziqinisekiso zangaphandle, kufuneka kuqala zihlolwe nguGunyaziwe weziQinisekiso waseMzantsi Afrika (South African Qualifications Authority) (SAQA) kuGunyaziwe weziQinisekiso waseMzantsi Afrika. 

Fumanisa ngokungaphaya malunga nokubhalisa njengotitshala kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (SACE) okanye qhagamshelana no-012 663 9517 / 086 1007 223.

 

 

 

I-What’s Up Teach?

             

I-“What’s Up Teach?”

Ootitshala badinga inkuthazo, inkxaso noncedo lwethu ukuze bagqwese koko bakwenzayo. Ngesi sizathu isebe liye layila iWhat’s Up Teach?, imagazini yootitshala ukunceda nokukhuthaza ootitshala bethu.

Eli liphulo le-DBE:
Lokunxibelelana ngolwazi olubalulekileyo lokufundisa nenkxaso kootitshala ngendlela enobuchule;
Lokuphucula ukufundisa nokufunda kusetyenziswa ulwimi ekulula ukuoluqonda; kunye

Nokuqala ingxoxo edlamkileyo phakathi kweSebe leMfundo esiSiseko nootitshala.
Imagazini iza kuhanjiswa kuzo zonke iZikolo zikaRhulumente elizweni kwaye iza kuveliswa rhoqo ngekota.