Khetha uLwimi


Injongo yemithetho neenkqubo zophando kukunika izikhokelo neziphakamiso kubaphandi ngeenkqubo emazilandelwe xa kuqhutywa uphando olubandakanya amagosa e-ECDoE, iinkqubo enoxanduva lwazo ngqo i-ECDoE, okanye amaphononongo enziwa kuzwelonke.

Izicelo zophando zingqalene nokuqhutywa kodliwano-ndlebe namaGosa e-ECDoE, okanye ukucela idatha okanye olunye ulwazi kwi-ECDoE.

Inkqubo yesicelo; indlela esetyenziswayo ukusivuma; uthathelo ngqalelo lweenqobo ezisesikweni; iiseti zedatha ezifumanekayo njl. njl. zonke zibhalwa kwifomu yesicelo sophando.

I-ECDoE ayiyi kuyinika imvume yokuqhutywa kophando ezikolweni ngokusekelwe kutyelelo olunye/olulodwa.

Ngaphaya koko, i-ECDoE ayiyi kuyinika imvume yokuqhutywa kophando kwizithili okanye ezikolweni.

IFomu yeSicelo sokuqhuba uphando kufuneka igcwaliswe ize ingeniswe ngekopi eliphepha okanye ye-eletroniki kuMlawuli: UCwangciso lweQumrhu, uMgaqo-nkqubo, uLungelelwaniso lokuBeka iLiso noPhando.


I-PDF:  IFomu yoPhando
I-MS Word:    IFomu yoPhando

Idilesi yeposi

Eastern Cape Department of Education
Private Bag X 0032
Bhisho
5605 

 

OKANYE

Ifeksi eya ku: 086 759 7182

OKANYE

i-imeyile: shepherd.mutangabende@ecdoe.gov.za
cc: fundiswa.pakade@ecdoe.gov.za/ tanyaradzwa.mazaiwana@ecdoe.gov.za 

OKANYE

Iziswe ku:

Idilesi yesitalato

Steve Vukile Tshwete Education Complex
Zone 6
Zwelitsha
5608 

Imibuzo: Shepherd Mutangabende
Umnxeba: 040 608 4537/4773